We courier all our items within 3-5 days. Cost of delivery is currently R100.

Imbeko phakathi kosapho

Kwizinto eziliqela nezakha usapho zilutsho lube luqilima, yimbeko.  Apha sithetha ngokuhloniphana okuqala kubazali de kuye kutsho ebantwaneni.

Le yindlela elowo nalowo athetha ngayo nabanye, ukukhathalelana, ukuxhasana, nokucingelana.

Le nto iqala kwindoda nomfazi, apho oyindoda ayiphatha inkosikazi njengomlingane, hayi intombi yakhe yamazibulo.  Enjenjalo nomfazi endodeni, angayiphathi njengomnye woonyana bakhe.

Ithi ke le ntlonelo yakwenzeka ubone nabantwana sebeyibonisa phakathi kwabo bengaxelelwanga, koko besosulelwa ngabazali.

Le nto itsho ke abazali kufuneke behleli bethe qwa kuba kaloku kukho lo mhlambi uza ngasemva ubabukeleyo.  Bengathethanga ngamlomo, kodwa ngehambo nje le yabo, bafundisa abantwana ukuba kuthiwani na ukwakhiwa kwamakhaya aluqilima nawonwabileyo ngenxa yentlonelo nabazakuwakha ngomso.

Ngamana nakolu lwakho usapho le mbeko ibiyakuba ngumoya olawulayo noshiya ngasemva ivumba elimnandi.

 

Dr OT 

Cofa apha ukufumana isikhokhelo sokushumayela

Leave a comment