We courier all our items within 3-5 days. Cost of delivery is currently R100.

Vangela ubuye Ufundise

Ukuvangelwa kumoni nokufundiswa kwakhe ngoThixo zizinto ezimbini ezohlukeneyo noxa umsebenzi wazo umnye ikukulungiswa kwalo moni elungiselelwa iZulu. Ukumvangela kukumohlutha kwingalo zongendawo umzise phambi koThixo. Ukufundiswa kwakhe kona kukuhlala phantsi umazise ngentando yalo Thixo athi ngoku umamkele.

Le nto inqwa nomlobi wentlanzi ophosa umnatha elwandle, suka eze nayo yonke into ayirugule kuloo manzi ngalo mnatha. Balapho oononkala, nenye intaphane yezilwanyana zase manzini angazikuyenza nto yena. Uthi akuwukhupha lo mnatha kulo manzi kufuneke ngoku ahlale phantsi akhethe intlanzi zokwenene kulo mgquba angazi kwenza nto ngawo.

Nomshumayeli ke wenjenjalo eqhuqha amakhalane kule miphefumlo eze nayo eyifundisa ukuba uThixo ufuna ukuba iphile njani na xa izibiza ngaye.  Le Mfundiso itsho bazinze apha enkolweni. Kaloku ilizwe eli bakhutshwa kulo alibayekanga, lisabakhweba. Wena ke njengamshumayeli uyabaxhobisa ubathwes’amacebo ukuba bathinina ukuzihlanganisela kwizagwevu zotshaba.

Ngaphezu koko kusafuneka nabo aba bezuze abanye abakwakule mida yotshaba. Enye yeendlela ke neyona inamandla kukushumayela kweli hlabathi baphuma kulo ngezimilo ezizalwa kukufundiswa kwabo. “UBawo uzukiswa ngale nto yokuba nithwale iziqhamo.”  NguYesu ngokwakhe lo utshoyo.

Yonke ke le Mfundiso iphuma eBayibhileni eli lizwi likaThixo eliphilileyo lisebenza libukhali ngaphezu kwamakrele onke antlangothi mbini; lihlaba liphumele lide lahlule umphefumlo kwanomoya amalungu, kwanomongo; linokugweba iingcingane nezicamango zentliziyo. Masikhuthale ukuze nale miphefumlo phambi koThixo, kodwa singakuhilizeli ikuyifundisa.

Dr OT Mngqibisa

Cofa apha ukufumana Isikhokhelo Sokushumayela

11 comments

  • Tata mandibulele ngokunonelela ukusifundisa nathi bashumayeli.Singena kule nkonzo nathi siludinga olu qeqesho ukuze siwuthwale ngendlela eyiyo umthwalo esiwuphathisiweyo nguSomandla wokukhokhela abantu bakhe sibafundisa ngendlela yokuphila kwamaKristu.
    Enkosi kakhulu tata

    Nombulelo Sokuyeka-Ntamo
  • Ndiyabulela kakhulu ngezimfundiso ziyakha kwaye ndiyazisebenzisa ziyanceda kakhulu

    Mbuthokazi
  • Thank you Sir for these teachings, I truly appreciate them

    Thozama Hlobongwana
  • Ndiyanqwena kakulu ukukwazi ukwabelana nezihlobo zam ezingeko apa enkonzweni intnayo ndiliyilo ne bhayibhile le andide ndikwazi ukuzi khumbula me verses ezi .Ndiza kuzama de ndibe nayo indlela yoba ndingene apa.

    Sandra Ntshona
  • Ndiyanqwena kakulu ukukwazi ukwabelana nezihlobo zam ezingeko apa enkonzweni intnayo ndiliyilo ne bhayibhile le andide ndikwazi ukuzi khumbula me verses ezi .Ndiza kuzama de ndibe nayo indlela yoba ndingene apa.

    .

    Sandra Ntshona

Leave a comment