Yazana nomntu otshata naye
“Ukuba ndandisazi konke endikwaziyo ngoku ngoZolile ngaphambi kokuba nditshate naye, ngendingazange ndingene kulo mtshato. Namhlanje ndiyazisola kuba ndibona ngoku izinto endandigazange ndazibona ngoko. Ngokwenene umntu lo ngumva wekhabhathi”. Batshilo abaninzi bexakene nemitshato.
Ukufunda umntu ezakutshata naye, umazi kakuhle - eyindoda okanye engumfazi – kubaluleke gqitha. Kuya kuxhobisa wena oza kungena naye kulo mtshato. Kukutsho uzihlole ukuba uzakuba nako na ukuhlala naye emtshatweni eyile ndlela ayiyo. Ukuba awuyixhobelanga le meko, ku ngenzeka ungene kumtshato ozakuba kuwo namhlanje ubuye uwuchithe ngomso.
Apha ujonga isimilo, abazali aphuma kubo, indawo avela kuyo, izihlobo nabantu akhule nabo. Zazi izinto azithandayo nazithiyileyo. Zonke ezi zinto ziyakwazi ukumenza le nto ayiyo nazakuhlala eyiyo ngoku seninobabini. Le nto isenokutsho ngoqilima lo mtshato ozinzileyo nowonwabileyo, okanye ikushiye ngathi ufakwe kwindlu ezel’umsi wamadaka. Abaninzi bathe ngokuphosana noku kufundana, bazibhaqa bethothoza kwitsili lemitshato.
Ekufundeni, buza kubantu abakhulu, bona abakwazisa ngokuphangaleleyo kwangamtshato lo. Buza nakwiintanga zakhe zona ezazi unkcukacha ngaye.
Nawe ke kwelakh’icala wabaz’amehlo, ufunde, ubuy’ufunde, ufundisise ngomlingane. Noxa kunjalo, yenze le nto usazi ukuba umntu lo akagqibeki, uhleli ejika-jika, eba yile namhlanje, kanti uyakuba yenye ngomso. Lo nto ungakwazi ukuyibon kuye ngoku, nongakwazi ukuyazi ngaye, yiyekele kuThixo, kuba nguye kakade kuphela obona de abone nentliziyo yomntu, nowazi nengomso lakhe.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa
KuBawo uMgqibisi ndiyabulela kakhulu ngengcebiso zakho ziyasiphilisa ngokwasemoyeni kuba singabanye khange sinabantu esinofunda kubo ( Mentors ) ngoku uThixo usebenzisa wena kwaye ndiyaphila mna Bawo.kwaye ndingomnye beyenzileyo naleya course yaka Phos’iminatha.nale ndizakuthi ndakufumana ixesha ndijoine.UThixo ahlale ekusikelela Bawo .Nam ndisemtshatweni kodwa ndisafuna ukufundiswa ezinye izinto ngomtshato.ngoba umnqweno WAM kukohlulwa kukufa nenkosikazi yam.not zizinto nehlabathi.Enkosi Bawo.
Mna Tata ndisendleleni eya emtshatweni
But andikabinayo imali ye course
Ndcela ukwazi ndingancedakala njani ukufumana ingcebiso ngomtshato phambi kokuba ndingene kuwo
Enkosi tata ngokusixhobisa
Enkosi tata kakhulu
We are blessed to have you Tata, we thank God for your wisdom words on marriage. Please continue to show us the way.