We courier all our items within 3-5 days. Cost of delivery is currently R100.

Yazana nomntu otshata naye

“Ukuba ndandisazi konke endikwaziyo ngoku ngoZolile ngaphambi kokuba nditshate naye, ngendingazange ndingene kulo mtshato. Namhlanje ndiyazisola kuba ndibona ngoku izinto endandigazange ndazibona ngoko. Ngokwenene umntu lo ngumva wekhabhathi”. Batshilo abaninzi bexakene nemitshato.

 

Ukufunda umntu ezakutshata naye, umazi kakuhle -  eyindoda okanye engumfazi – kubaluleke gqitha. Kuya kuxhobisa wena oza kungena naye kulo mtshato. Kukutsho uzihlole ukuba uzakuba nako na ukuhlala naye emtshatweni  eyile ndlela ayiyo. Ukuba awuyixhobelanga le meko, ku ngenzeka ungene kumtshato ozakuba kuwo namhlanje ubuye uwuchithe ngomso.

 

Apha ujonga isimilo, abazali aphuma kubo, indawo avela kuyo, izihlobo nabantu akhule nabo.  Zazi izinto  azithandayo nazithiyileyo. Zonke ezi zinto ziyakwazi ukumenza le nto ayiyo nazakuhlala eyiyo ngoku seninobabini. Le nto isenokutsho ngoqilima lo mtshato ozinzileyo nowonwabileyo, okanye ikushiye ngathi ufakwe kwindlu ezel’umsi wamadaka. Abaninzi bathe ngokuphosana noku kufundana, bazibhaqa bethothoza kwitsili lemitshato.

 

Ekufundeni, buza kubantu abakhulu, bona abakwazisa ngokuphangaleleyo kwangamtshato lo. Buza nakwiintanga zakhe zona ezazi unkcukacha ngaye.

 

Nawe ke kwelakh’icala wabaz’amehlo, ufunde, ubuy’ufunde, ufundisise ngomlingane. Noxa kunjalo, yenze le nto usazi ukuba umntu lo akagqibeki, uhleli ejika-jika, eba yile namhlanje, kanti uyakuba yenye ngomso. Lo nto ungakwazi ukuyibon kuye ngoku, nongakwazi ukuyazi ngaye, yiyekele kuThixo, kuba nguye kakade kuphela obona de abone nentliziyo yomntu, nowazi nengomso lakhe.

 

INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.

 

Dr OT Mngqibisa

Cofa Apha Ukufumana Isikhokhelo Somtshato

29 comments

  • Mayibongwe tata

    Siyabulela ngokuxhotyiswa noko ndiyicinga nento ethi kukwadingeka kona nokuvumela uThixo asikhokele kuko konke ukwenza kwethu even nakulentlalo yasemtshatweni xa kongame kakhulu ukululamela uThixo siyatshintsha isimo.

    God bless you tata usamana ukusibonisa nokusixhobisa futhi ngento zonke.

    Nontlahla Sithole
  • Enkosi kakhulu Tata for sharing your wisdom with us. Indeed yinde indlela yomtshato we are in constant prayer ukuba siyihambe noThixo ngoba sisodwa singohluleka. Enkosi

    Nqobile Vakalisa
  • Ndiyabulela kakhulu Tata, inene umntu yinkosi uzazi kodwa je zibakhona ngelinye ixesha impawu ezivelayo nezimtyhilayo umntu. Kodwa njengoba usitsho ukhona uThixo yena osazi nengcinga zethu nentliziyo sobhekisa kuye konke.

    Thokozani
  • Ndiyabulisa Dr

    Inene baninzi abanje ngo’Zolile’ lo kodwa bayazifihla kude kufike ixesha lokuphuphuma okusentliziyweni kuvele ubuyena. Ndiyabulela ngethuba osinika lona lokuqaphela impawo ezibalulekileyo, enye siziyaleze kuThixo. Enkosi.

    Nkosikho

Leave a comment