Umanyano Ngamandla
Umanyano phakati kosapho luka-Thixo luhlala lunkqenkqeza phambili. Kugwadlwa epulpitini ngabashumayeli wofika bevuselela olu manyano. Esemadolweni amakhosikazi wofika ecengana noThixo ukuba awanike obu bunye. Kanti nasengomeni eli bandla lidumisa, iingoma ezinqwenela ukuba la makholwa mawabe yile mbumba azisale ngasemva.
NoYesu xa wayesemadolweni kowona mthandazo mde asishiya nawo kuYohane 17 wathandazela ubunye bosapho lwakhe. Bobu bunye obutsho olu sapho lwangasentla lubethe ngasingqi sinye nakuyiphina into oluyenzayo. Lungekho olu bumbano besuk'aba bantu bafane nqwa nesipani sooqongqothwane.
Umbuzo ke ofikel'abaninzi ngothi, luyintoni na kanye olu bumbanao, yaye lubonakala njani enkonzweni xa lukhona?
Umanyano kukuvana ngezimvo. Kuphunyezwe njongw'inye. Le nto ayethethi ukuba abantu mabacinge ngokufanayo, kaloku abangomanzi wona aqengqelek'esiya calanye. Bon'abantu bacinga ngokwahlukeneyo bekwabona nezinto ngalo ndlela.
Nathi ke masibukhuthaze obu bunye phakathi kwethu, kodwa sikhumbule ukuba noxa umgomo nenjongo yethu ingabanye, ukucinga kona asinakucinga ngandlel'inye. Mandiphinde ndithi, umanyano ngamandla.
INkosi ikusikelele
Dr OT Mngqibisa
Cofa apha ukufumana isikhokhelo sokushumayela
U-Thixo uthembakele ngamaxesha onke …enkosi Mfundisi ngamazwi asikhuthazayo kulendlela yokholo.
Enkosi mfundisi ngemfundiso egqithe ukuqonda.
Akukho ndlu inokuma izitena zithe saaa. Enkosi Mfundisi ngazwi enkuthazo
Enkosi Mfundisi. Inene, umanyano ngamandla.
Inoba ke kungako kukhona la mbuzo othi, ‘Bake bahambe ndawonye na ababini, bengavani? Amos 3:3.
Amen.. Nkosi ikusikelele Bawo