Umzekelo wobomi bomshumayeli
Intswelo enkulu kwintshumayelo kukubona ubomi bomshumayeli bungqinelana nalento ayishumayelayo. Ukufundekela kwakhe eqongeni, ibe ikwangako nengxolo yamahlahla awaruqayo akuhla kwelo qonga kukuhlekisa nje ngoThixo kwiintshaba zakhe.
Eyona nto ilindelwe liZulu kuwe nakum kukuthi kubaphulaphuli “Landelani aph’emva kwam kuba nam ndilandel’uYesu”. Loo nto umshumayeli akayithethi ebantwini kuba ebaqhayisela, koko uyitsho ethemb’amandl’ezulu. Wazi kakuhle ukuba ngaphandle kweNkosi akanakwenza nto. Kodwa ekuKristu akukho nto inokumnqabela.
Ukunyaniseka komshumayeli kutsho iGospile ibe nomkhitha, itsalel’aboni kuThixo. Ikwaval’umlomo nakuSatana olahlekis’ihlabathi ngokuthi “akukho namnye phakathi kwethu ongaphil’el’uThixo esekweli lizwe”.
Kukwalula nakubaphulaphuli ukuba le nto uthi mabayenze ngentshumayelo yakho inako ukwenzeka, kuba naaku naw’uyenza.
Ngamana iZulu lingakunceda ukwazi ukuhlanganisa intshumayelo yakho nobomi bakho bemihla ngemihla. Ngokwenjenjalo, uThixo uyakubatsalela kuy’aboni, azukiswe naye lihlabathi.
Ukuba unolangazelelo lokwazi ngamanyathelo okukwenza umshumayeli ophum’izandla, ukuze utsalel’abaninzi kuKristu, funa incwadi endikwenzele yona ethi ‘Sukum’ukhanye’. Yona izakuhamba nawe ikuthubelezisa kuw’onke amanyathelo okwenziwa koncuthu lwentshumayelo. Cofa apha uzuze ulwazi oluthe vetshe ngale ncwadi.
INkosi mayibe nawe de sithethe kunye kwixa elizayo.
Dr OT Mngqibisa
Cofa apha ukufumana isikhokhelo sokushumayela
Ndiyabulela tata ngee emails zakho ezihlalele ukuvela kwi inbox yam, ndimana ndizikroba nje ndingazifundi kodwa ndibendiqonda ba ziqulethe lukhulu ekundincedeni ndifunde ukushumayela, namhlanje ndizozithengela kwezincwadi zakho ezi ziphuma zintathu, indlela yam ijonge nkqo emqamlezweni ngoku, enkosi kakhulu tata nabaququzeleli bakho.
Njalo ndingena kumakhasi onxibelelwano ndingqala ngqo kwiblog yakho mfundisi futhi ndiphuma ndizuze nto.Ngenene uThixo wakolatha ingengampazamo koko wayekhangele nobam ubom ukba abuthubelezise ngeezimfundiso zinje ukuphucuka.Ndiyayonwabela incwadi njalo ndiyiphendla ndifumana ukuhlaziyeka isuka ibentsha yonke into engaphakathi kuyo.
Kwakhona ndibamba ngazbini Mongameli. Utsho OyiNgcwele kaSrayeli….Dlisa izimvu Zam….
Siyabulela kakhulu tata ngokusixhobisa ngokushumayela.
Enkosi kakhulu nkokheli, akwaba bonke abashumayeli bangabanayo lentlakanipho yokwazi ukukhokhela ngomzekelo.
Enkosi kakhulu nkokheli, akwaba bonke abashumayeli bangabanayo lentlakanipho yokwazi ukukhokhela ngomzekelo.